eBook (ePDF): Via Afrika IsiXhosa Home Language Grade 7 Novel: Masigoduke tata kaLuvo

R16.97

These novels have been written to match the interests and reading levels of Grade 7, 8 and 9 learners. The novel forms an important part of the reading component of the CAPS curriculum and must be used in addition to the class reader.

Buy product

ISBN: 9781415457368
Categories: , , ,

Description

This is the digital version of this book, for use on tablet devices. Click here for more information on our different ebooks.


UThembile noNolwazi sisibini esitshatileyo esiseze ngobuso ezweni kwelo laseMbizana. Izinto zabo zibahambela kakuhle. Banengqilikazi yomzi omhle, baqhuba iinqwelo ezikudidi oluphezulu kwaye abantwana babo bafunda kwizikolo eziphucukileyo. UThembile usebenzela uMasipala waseMbizana njengoMlawuli omkhulu kaMasipala. Zonke izigqibo namagunya enziwa nguye kwaMasipala.

Nanjengomqeshi uThembile uye waqesha imbelukazi apha kwaMasipala egama linguThumeka njengoMphengululi Zincwadi Wangaphakathi. Baye basebenza kunye amaxesha amaninzi, nasezintlanganisweni behamba kunye kanti iindonga zizakuwelana. Ngomnye ulwesihlanu uThembile noThumeka baye bahamba kunye besiya entlanganisweni yooMasipala eMthatha, baza bavumelana kwelokuba bangabuyi koko bazikhuphele eMzamba ngaloo mpelaveki.

Kwelinye icala uNolwazi oyititshala ngokusebenza ushiyeke ekhaya nabantwana esazi nje ukuba indoda ayizubuya. Ugqiba kwelokuba ahambe nabantwana baye eMzamba. Zifundele ke mfundi uzivele, kaloku indaba yotyelo ayikholi.