Ukhozi Olumaphiko (Grade 12 setwork)

R255.90

Iphume phambili kukhuphiswano lwakwa M-Net ngo-1997. Kwiminyaka yocalu-calulo, uMfazwe wala kwaphela ukuba abe yimpimpi yamapolisa. Amapolisa amjikela aze amenzela iyelenqe elenza aphele engafunwa ngabantu basengingqini yakhe. Esi senzo samapolisa senza uMfazwe aphele eyimbacu kwaye engenabani.

View Cart
ISBN: 9781415411308
Categories: , , ,

Description

Ukhozi Olumaphiko is an isiXhosa novel and the title means “The hero”.


‘Yaxhuzula iveni yatsala, ndathi xa ndihlala ngeempundu, yaqhotyoshwa xhikri, ngxi yema, ndathi kuba ndingabambelelanga ndawo, ndatshibilika ndaya kubetheka entla. Ukuba yayingeyongxowa endandigungxiswe yona, ngeyayindiqwenge ndaphela inja endaya kuntlaleka kuyo phaya entla. Ndithe ndikhalima ndisithi, suka nja, yabe isitsho intsini yeziya zinja zimbini ngaphambili, incedisa ukukhonkotha kwenja eyayigqiba ukundigqavula.’

Nanku umntwana wabantu efakwe nenja emhadini wenqwelo yamapolisa. Phaya ngaphambili kule nqwelo kukho izikhohlakali ezibini, nazifanisa nezinja oku kwazo umbhali. Ingaba konakele phi bethu? Wangqavulwa zizinja ngemva nangaphambili kule nqwelo lo mfana yintoni kodwa?

Khawuzifundele olu ncuthu mazangwa lwenoveli ephuma kusiba lwento kaSaule, uMvulane. Amazwembezwembe kaMfazwe ahambisa umzimba, iinwele zinge ziyancothuka xa ufunda ngeemeko ezingaginyisi mathe awayephumela phantsi kwazo lo mfana ekwidabi lokulwela inkululeko yomntu oNtsundu. Unesikhumbuzo semihla yenkohlakalo, kuba usisiqhwala ngoku kanti wayengazelwanga esiso. Ngethamsanqa ke bethu inyaniso nokulunga ziyayoyisa inkohlakalo ekugqibeleni. Kunamhlanje nje uyayingqina le nto uMfazwe xa sele ezipholele emzini wakhe, unyana wakhe edlala kamnandi nowommelwane wakhe oMhlophe.